Kumahebhere 4:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. UThixo ke umise omnye u-“namhlanje.” Kaloku emva kweminyaka emininzi selesebenzisa uDavide; uthi:“Namhlanje nakuliva ilizwi lakhe,nize ningabi neenkani.”

8. Ke ukuba uYoshuwa wabafikisa ekuphumleni, ubengathini uThixo emva koko ukuthetha ngomnye umhla?

9. Usabalindele ke ngoko abantu bakaThixo omnye umhla wokuphumla.

10. Nabani na kaloku ongenayo ekuphumleni noThixo, uyaphumla kwimicimbi yakhe, njengoko noThixo waphumlayo kweyakhe.

11. Ngoko ke masizimisele ukuya kuphumla noThixo. Makungabikho bani ungathobeliyo, hleze naye aphulukane nokuphumla njengoko baphoswayo kuko ngenxa yokungeva kwabo.

Kumahebhere 4