8. UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.
9. Nize ningakhukuliswa enyanisweni ziimfundiso ezingabhadlanga. Kulungile ukuba somelezwe lubabalo lukaThixo, yaye imithetho ngezinto emazityiwe nemazingatyiwa ayincedi nto, ayizange ibancede nabo bayigcinayo.
10. Elethu iqonga lamadini linjengeliya ababingeleli bonqulo lwamaSirayeli babengenalungelo lakutya kulo.
11. Njengoko nisazi, umbingeleli omkhulu ubengena negazi leenkomo neleebhokhwe kweyona ingcwele indawo, aze angxengxezele izono ngelo gazi. Kodwa inyama yazo yona ibitshiselwa ngaphandle.
12. UYesu ke naye wafela ngaphandle kwamasango edolophu, khon' ukuze abangcwalise abantu ngegazi lakhe.
13. Nathi ke ngoko masiye kuye ngaphandle, silixhamle ihlazo lakhe.
14. Kaloku apha asinakhaya lisisigxina, koko sinxubele elizayo.
15. Ngawo onke amaxesha masenze umbongo kuThixo, ube lidini esilinikela kuye ngoYesu, silivuma ngomlomo wethu igama lakhe.
16. Masingaze siyeke ukwenzelana ububele, kuba leyo yeyona minikelo imkholisayo uThixo.
17. Zithobeleni iinkokheli zenu, nizihloniphe, kuba azilali lixhala ngenxa yenu. Kaloku kufuneka zenze ingxelo yomsebenzi wazo kuThixo. Ke ukuba niyazihlonela, woba khaphukhaphu umsebenzi wazo. Kanti ungaba nzima, ningancedeki nani, ukuba anizihloneli.
18. Nam ndithandazeleni. Ndiqinisekile ukuba mna andinasazela nganto; kaloku ndisoloko ndinqwenela ukwenza okulungileyo maxa onke.
19. Nditsho ngenene ukuba ze nindithandazele, ukuze uThixo andibuyisele kuni kamsinyane.
20. UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi,
21. ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.