Kumahebhere 13:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo.

2. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.

3. Wacingeni amabanjwa njengokungathi nani nibanjwe kunye nawo. Bacingeni nabo baphethwe kakubi ngokungathi nini abo banjalo.

4. Umtshato uxabisekile; mawuxatyiswe nguye wonke ubani. Amadoda nabafazi mabanyaniseke omnye komnye, bangasixabheli isilili sabo. Ingqumbo kaThixo ijinga phezu kwabo bakrexezayo kwakunye nabo barheletyayo.

Kumahebhere 13