Kumahebhere 11:19-38 Ibhayibhile (XHO96)

19. Kaloku uAbraham yena wayeqonda ukuba uThixo unako ukubavusa abafileyo – ngathi ke uThixo wamvusa kwabafileyo noIsake.

20. Ngokholo uIsake walisikelela ikamva looYakobi noEsawu.

21. Ngokholo uYakobi wabasikelela bonke ngabanye, ngaphambi kokuba abhubhe, oonyana bakaJosefu. Wangqiyama ngomsimelelo wakhe, wanqula uThixo.

22. Xa wayeselukhukweni lokufa, uJosefu ngokholo wayolela ngemfuduko yamaSirayeli eJiputa, wayaleza namathambo akhe.

23. Ngokholo abazali bakaMosis bamfihla iinyanga ezintathu emva kokuba ezelwe. Kaloku wayelusana oluthandekayo, baza ke àbasithobela isimiselo sekumkani ngokwenza loo nto.

24. Ngokholo, akuba mdala uMosis, akazange avume ukuba kuthiwe ungunyana wentombi yokumkani waseJiputa.

25. Wakhetha ukuhlupheka kunye nabantu bakaThixo kunokuba axhamle isono nokuba ngumzuzwana nje.

26. Ingcikivo kaKrestu wayithatha njengento ebaluleke ngaphezu kwabo bonke ubutyebi baseJiputa, kuba wayenethemba lomvuzo ozayo.

27. Ngokholo uMosis wayishiya iJiputa, phofu kungengakuba wayesoyika umsindo wekumkani. Wayefunzele phambili ngokungathi wayembona uThixo ongabonwayo.

28. Ngokholo wamisela isidlo *sePasika. Wayalela ukuba makutshizwe imigubasi ngegazi, khon' ukuze isithunywa sokufa singawatshabalalisi amazibulo amaSirayeli.

29. Ngokholo amaSirayeli aluwela uLwandle oluBomvu ngokungathi ahamba emhlabeni owomileyo, kodwa wona amaJiputa eyela akuwalinganisa.

30. Lukholo olwadiliza iindonga zeJeriko, akuba amaSirayeli ezijikeleze iintsuku zasixhenxe.

31. Lukholo olwasindisa ihenyukazi uRahabhi ekutshabalaleni kunye nabo bangamthobeliyo uThixo, kuba lona lazamkela ngobubele iintlola.

32. Ndibalisa ntoni na? Lingaphela tu ixesha ndithetha ngoGidiyon, noBharaki, noSamson, uJafta, noDavide, uSamweli, *nabashumayeli bamandulo.

33. Ngokholo bona babhukuqa izikumkani, benza ubulungisa, bazuza izinto ezazithenjiswe nguThixo. Babevingca imilomo yeengonyama ezigqumayo,

34. bacime imililo edwanguzayo, basinde ekufeni ngekrele. Baphiwa amandla xa babengenawo. Babengamagorha emfazweni; babezichitha iintshaba zibe ziintsalu.

35. Ngokholo abafazi babebuyiselwa abafileyo babo bevuswe ekufeni. Abanye bâla ukukhululwa, bafa ngokungxwelerhwa, khon' ukuze bavukele kobona bomi.

36. Bambi babesenziwa intlekisa, bekatswa, bekhonkxwa ngamatyathanga, bevalelwa entolongweni.

37. Babekhandwa ngamatye, besarhwa kubini, bebulawa ngekrele. Babehamba benxibe iimfele zeegusha nezikhumba zeebhokhwe, beswele, betshutshiswa, bephethwe gadalala.

38. Babengafanelanga ukuhlala kweli hlabathi linje, ngenxa yokulunga kwabo. Babezizibhadu-bhadu ezazihamba zihlala koozintlango nasezintabeni, koomiqolomba nasemingxunyeni phantsi komhlaba.

Kumahebhere 11