3. Kodwa, ndaweni yaloo nto, la madini abakhumbuza ngezono minyaka le.
4. Kaloku igazi leenkunzi zeenkomo, neleebhokwe, alisoze lizisuse izono.
5. UKrestu uthethe ngolu hlobo xa eza emhlabeni:“Wena akuwafuni amadini neminikelo,yiyo loo nto undilungiselele umzimba.
6. Akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono;
7. ndaza ndathi ke mna, njengoko kubhaliwe encwadini:‘Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho, Thixo wam.’ ”
8. Qaphela ke kuba uqala ngokuthi: “Wena akuwafuni amadini neminikelo; namadini atshiswayo nawesono akuwathandi,” nakuba egunyaziswa ngumthetho.
9. Kwakhona uthi: “Ndiyeza ukuze ndenze intando yakho.” Ngoko ke uThixo uyayitshitshisa le nkqubo yokuqala, umilisela le yesibini.
10. Yile ntando kaThixo ke esenza nyulu; kaloku uYesu Krestu yena uzinikele kwaba kanye qwaba.