5. UThixo akukho sithunywa wakha wathi kuso:“UnguNyana wam wena,ndikuzele namhlanje;”engazange atsho nokuthi:“Ndiya kuba nguYise,yena abe nguNyana wam.”
6. Kwakhona ekuyiziseni kwakhe ehlabathini inkulu yakhe uThixo wathi:“Mazinqule yena zonke izithunywa zikaThixo.”
7. Ngokubhekiselele kwizithunywa zikaThixo kuthiwa:“Ulowenza imimoya izithunywa zakhe,nemibane elenyayo ibe zizicaka zakhe.”
8. Kodwa uthi mayela noNyana:“Kambe, ulawulo lwakho, Thixo, àluphele ndawo!Kwaye futhi wena ulawula ngobulungisa.
9. Ungumathand' ubulungisa,uyithiyile inkohlakalo.Ngenxa yaloo nto ke, Thixo,uThixo wakho ukuthambisile.Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozelaesingaphezulu kwesoogxa bakho.”
10. Uphinda athi:“Nguwe, Nkosi, owalidalayo ihlabathi ekuqalekeni;amazulu ênziwa zizandla zakho.
11. Xa zizonke ziya kudlula,kodwa wena uhlala uhleli;ziya kuguga njengeempahla.