4. Kaloku uNyana yena mkhulu kunezithunywa zezulu, kwaye ke uzuze negama elibalaseleyo kunelazo.
5. UThixo akukho sithunywa wakha wathi kuso:“UnguNyana wam wena,ndikuzele namhlanje;”engazange atsho nokuthi:“Ndiya kuba nguYise,yena abe nguNyana wam.”
6. Kwakhona ekuyiziseni kwakhe ehlabathini inkulu yakhe uThixo wathi:“Mazinqule yena zonke izithunywa zikaThixo.”
7. Ngokubhekiselele kwizithunywa zikaThixo kuthiwa:“Ulowenza imimoya izithunywa zakhe,nemibane elenyayo ibe zizicaka zakhe.”
8. Kodwa uthi mayela noNyana:“Kambe, ulawulo lwakho, Thixo, àluphele ndawo!Kwaye futhi wena ulawula ngobulungisa.
9. Ungumathand' ubulungisa,uyithiyile inkohlakalo.Ngenxa yaloo nto ke, Thixo,uThixo wakho ukuthambisile.Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozelaesingaphezulu kwesoogxa bakho.”
10. Uphinda athi:“Nguwe, Nkosi, owalidalayo ihlabathi ekuqalekeni;amazulu ênziwa zizandla zakho.
11. Xa zizonke ziya kudlula,kodwa wena uhlala uhleli;ziya kuguga njengeempahla.
12. Uya kuzisonga njengeengubo,zona ziya kutshintshwa njengesambatho;ube wena ungaguquki,ube wena ungagugi.”
13. UThixo zange atsho nakusinye isithunywa ukuthi:“Hlala ngakum kweli wongalo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”
14. Kakade ke ngoobani izithunywa? Zingoomoya abathunywa nguThixo, benceda abo baziindlalifa zosindiso.