15. Nokuba umntu walukile, nokuba akalukanga, akunamsebenzi. Into ebalulekileyo kukuba yindalo entsha.
16. Nabani na ohamba ngalo mgaqo ndimnqwenelela uxolo nenceba, kunye nalo lonke usapho lukaThixo – nguSirayeli omtsha ke lowo.
17. Ndiphetha ngelithi: Mandingaphindi ndikhathazwe mntu, kuba iziva ezisemzimbeni wam zixela ukuba ndisisicaka sikaKrestu.
18. Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani nonke, mawethu. *Amen.