1. UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.
2. Phulaphulani! Mna Pawulos ndithi kuni: Ukuba nithi ulwaluko luyimfuneko, loo nto ithetha ukuba uKrestu akaloncedo kuni mpela.
3. Ndiyaphinda ndilumkisa wonke umntu ovuma ukwaluka ukuba uyanyanzeleka ukuba awuthobele wonke umthetho.
4. Ukuba nifuna ukwamkeleka kuThixo ngokuthobela umthetho, nizahlukanisile noKrestu; ningaphandle kwesisa sikaThixo.
5. Thina ke ngamandla oMoya asebenza ngokholo sinethemba, saye silindele ukulungiswa nguThixo.