Kumagalati 4:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. Kodwa ngoku nimaziyo uThixo – gxebe, ngoku naziwayo nguThixo – kutheni ukuba niphindele kwezo zithethe zingento, ziphuthileyo? Ngani ukuba niphinde nizikhobokise ngazo?

10. Ngoku senihlonipha iintsuku, neenyanga, namaxesha, neminyaka ethile!

11. Ndisuka ndibe nexhala, hleze kuthi kanti ndifané ndabulaleka ngani.

12. Ndiyanibongoza, mawethu, yibani njengam; kaloku nam ndikwanjengani. Zange nindone nganto.

Kumagalati 4