Kumagalati 4:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ngoko ke anisezizo izicaka, koko ningoonyana. Ukuba ke ngoko ningoonyana bakhe, uThixo uya kunenza iindlamafa.

8. Mandulo, ngokuya naningamazi uThixo, nanibopheleleke kwizinto ezingenguye uThixo.

9. Kodwa ngoku nimaziyo uThixo – gxebe, ngoku naziwayo nguThixo – kutheni ukuba niphindele kwezo zithethe zingento, ziphuthileyo? Ngani ukuba niphinde nizikhobokise ngazo?

10. Ngoku senihlonipha iintsuku, neenyanga, namaxesha, neminyaka ethile!

11. Ndisuka ndibe nexhala, hleze kuthi kanti ndifané ndabulaleka ngani.

Kumagalati 4