Kumagalati 4:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ndiyanibongoza, mawethu, yibani njengam; kaloku nam ndikwanjengani. Zange nindone nganto.

13. Niyazi ukuba ndandingenampilo ukuqala kwam ukushumayela iindaba ezimnandi apha kuni; kaloku ndandigula.

14. Kodwa zange nindicekise okanye nindibukule, nangona ndandikwimeko enkenenkene kangako. Koko nandamkela ngendlela enaniya kusamkela ngayo isithunywa sikaThixo; nandamkela ngendlela enaniya kumamkela ngayo uYesu Krestu.

15. Naninemincili kangaka nje! Konakele phi ngoku? Nam ngokwam ndiyangqina ndithi: Ukuba kwakunokwenzeka, ngenanikrolonqe nawenu amehlo nawanika mna.

16. Ngaba kukuthetha kwam inyaniso oku kundenze ndalutshaba kuni?

Kumagalati 4