Kumagalati 3:26-29 Ibhayibhile (XHO96)

26. Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu.

27. Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.

28. KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.

29. Ukuba ke ningabakaKrestu ningabazukulwana baka-Abraham. Ngoko ke niziindlalifa ngokwesithembiso.

Kumagalati 3