Kufilmon 1:19-25 Ibhayibhile (XHO96)

19. Ukukuqinisekisa ndibhala ngokwam, ndithi: Ndim mna Pawulos oya kukubuyisela. Phofu ke akukho mfuneko yakuba ndikukhumbuze ukuba nawe lowo ungowam, ndinebango kuwe.

20. Ke, mfondini, ndiyakubongoza – kaloku sobabini simanywe noKrestu. Ngoko ke, velana nam kulo mbandela!

21. Ndibhala ndiqinisekile ukuba uza kuhlangabezana nayo iminqweno yam; ewe, ndiyazi ukuba usenokwenza nangaphezu kwesicelo sam.

22. Nantsi enye indawo: Nceda undilungiselele indawo yokuhlala apho, kuba ndinethemba lokuba uThixo uza kuyiphendula imithandazo yenu, ndibuyele apho kuni.

23. Uyabulisa uEpafra ongumbanjwa ngenxa kaKrestu njengam;

24. ngokunjalo noMarko, uAristarko, uDemas, noLuka, abalingane bam.

25. Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.

Kufilmon 1