Izililo 5:16-22 Ibhayibhile (XHO96)

16. Isithsaba siwile ezintlokweni zethu.Athi ke thina, sonile!

17. Ngenxa yoko zitsho zatyhafa iintliziyo zethu;ngenxa yezo zinto abona mfiliba amehlo ethu.

18. Kaloku intaba yeZiyon yinkangala;seyisisikhundla seempungutye.

19. Wena, Ndikhoyo, uhleli ngonaphakade;ulawulo lwakho luhlala luhleli izizukulwana ngezizukulwana.

20. Kungani ukuba usoloko usilibala?Kungani ukuba usilahle ithuba elingaka?

21. Sibuyisele kuwe, Ndikhoyo, ukuze nathi siguquke;sihlaziye njengakwimihla yamandulo.

22. Ngaba usilahle kwaphela na,wasiqumbela ngokukhulukazi?

Izililo 5