Izililo 4:21-22 Ibhayibhile (XHO96)

21. Yiba nemihlali uvuye, ntombi enguEdom,wena ohlala elizweni laseUze.Phofu nawe uza kuyirhabula le ndebe;uya kunxila uzihlube uhambe ze.

22. Wena ntombindini enguZiyon,siza kufikelela esiphelweni isohlwayo sakho;akuyi kolulwa ukuthinjwa kwakho.Kodwa, ntombindini enguEdom, úya kukohlwaya ngesikreqo sakho,ayityhile inkohlakalo yakho.

Izililo 4