Izafobe 8:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kambe nani, ziyatha, fundan' ingqiqo,nani, nina zidenge, qalisan' ukuqonda.

6. Phulaphulani, kuba ndiza kutheth' izintw' ezibalaseleyo;yivani, kuba ndiza kuyixel' imfanelo.

7. Kaloku ngomlomo wam ndiza kutheth' inyaniso,kuba ke mna ndiyithiyil' inkohlakalo emilebeni yam.

8. Onke amazwi omlomo wam anyanisekile;ubuqhophololo nobuxoki abukho kuwo.

9. Kumntu oqondayo onke acacile;kwâbo baziyo onke alungile.

10. Nawe ke, yamkela ingqeqesho kunesiliva;ndithi thatha ulwazi kuneyona golide.

11. Mna bulumko ndiyawagqitha namatye exabiso;nakwiindidi zobutyebi mna andidlulwa nto.

Izafobe 8