Izafobe 8:14-20 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ndingusomacebo, ndingumthombo weembono ezichubekileyo;ndinako ukuqonda, kanti nokomelela kokwam.

15. Ewe, oozikumkani balawula ngam,neziphathamandla zilawula ngobulungisa nje ndim.

16. Bonke abasemagunyeni bancedwa ndim lo:oomatshawe, noozikhulu, nabagwebi ngokwabo.

17. Kaloku ndiyabathanda abo bandithandayo,futhi ndiyafumaneka kwabo bandifunayo.

18. Ndibathi jize ngesihomo nendyebo,batsho babe nobutyebi obuzinzileyo nenkqubela.

19. Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;imveliso yam iyayibetha neyona siliva.

20. Ihambo yam bubulungisa bodwa;iindlela zam zifanelekile.

Izafobe 8