Izafobe 7:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. Wayengungantweni womfazi othethela phezulu,engunyawo lwambethe indlela.

12. Uthi esezitalatweni abe sezindaweni zembutho,abe elunguza nasezirhangeni.

13. Lo mfazi usuke wamgona umfana lowo, wamanga;ngobuso obungenazintloni wathi kuye:

14. “Ekhaya ndenze amadini obudlelwane;namhlanje ndizifezekisile izibhambathiso zam.

15. Ndilapha nje ke bendikhangela wena,kambe ke ngoku nguwe lo, ndikufumene!

16. Nomandlalo wam ndiwulungisile;ndiwuthe wambu ngengayiwayo ilinen yaseJiputa.

Izafobe 7