1. Mfo wam, buve ubulumko bam,ukubazele iindlebe ukuqonda kwam,
2. ukuze ube nako ukuzilungelelanisa izinto,futhi ukwazi ukuthetha ngengqiqo.
3. Kaloku imilebe yomfazi ongakwaziyo ukuziphatha ivuza ubusi;kwaye nenkalakahla yakhe igudile kunamafutha omnquma.
4. Kanti ke ekugqibeleni uba nobukrakra okomhlonyane,akwenzakalise okwekrele elibukhali macala.
5. Kaloku iinyawo zakhe zisinga ekufeni;ukunyathela kwakhe kubheka ngqo engcwabeni.
6. Uyakuwexula kwindlela eyeyobomi;ube wena ungayazi loo nto.
7. Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,ningashenxi koko ndinixelela kona.