6. Ungaze ubushiye ubulumko, ke bona buya kukulondoloza.Thandana nabo, khon' ukuze bukukhusele.
7. Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.
8. Ewe, bunonelele ubulumko, ke bona buya kukuphakamisa;bukhwaphe, ke bona buya kukuthi jize ngesihomo.
9. Boba njengentsimbi ehombisa intloko yakho,bukuthi jize ngesithsaba esingayiwayo.”
10. Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,uze udle ubomi iminyaka emininzi.