Izafobe 30:27-33 Ibhayibhile (XHO96)

27. Iinkumbi azinankosi,kodwa zihamba amaqela ngamaqela.

28. Icikilishe yinto ongayibamba nangesandla sakho,kodwa liyafumaneka nakumabhotwe ookumkani.

29. Zintathu izinto ezibukelekayo xa zihamba;gxebe, zine ezichul' ukunyathela:

30. yingonyama, igorha phakathi kwezilwanyana,yona ingahlehliyo nakweyiphi na into;

31. ngumqhagi ondolosayo;yinkunzi yebhokhwe;ngukumkani ephahlwe ngumkhosi wakhe.

32. Ukuba wenze izinto zobudenge waziphakamisa,okanye ukuba uthe waceba ububi,khawuthi xha!

33. Wakulucofa ucwambu kuvela ibhotolo,wakuyixhimfa impumlo isuka yophe,wakuxhokonxa umsindo kugqabhuka imbambano.

Izafobe 30