Izafobe 30:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanga amazwi ka-Agure unyana kaYake, udaba olundilisekileyo. Yasuka yadanduluka indoda leyo, yathi kuItiyeli, ewe, uItiyeli noUkali:

2. “Kaloku ndisesona sidenge ebantwini;kwaye ingqondo yomntu ayikho kum.

3. Zange ndabufunda ubulumko;andimazi lowo uyiNgcwele kanye.

4. Kanti ke, ngubani oselekhe waya ezulwini wabuya wehla;ingubani owakha wawubamba ngezakhe izanda umoya?Khona, ngubani owakha wabamba amanzi wawaqhinela ngesondo lengubo yakhe;ingubani khona owamisa imida yehlabathi?Khawutsho kaloku, ukuba unolwazi!Ngubani igama lakhe;ingubani unyana wakhe?

5. “Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;ulikhaka kwabazimela ngaye.

Izafobe 30