6. Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.
7. Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
8. Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,atsho omelezeke amathambo akho.
9. Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.
10. Ukuba uyayenza le nto ziya kutsho zizale izisele zakho yindyebo;kanti ke neentsuba zakho ziya kuhlala ziphuphuma yiwayini entsha.
11. Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,ungasicekisi isiluleko sakhe.
12. Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.
13. Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.
14. Kaloku bona ubulumko yingeniso engaphezu kwayo nesiliva;nditsho negolide ayithathi nto kubo.