29. Ungaze umenzele iyelenqe ummelwane wakho;kaloku uhlala ngakuwe ekuthembile.
30. Musa ukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu,engakwenzanga nto imbi.
31. Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
32. Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.
33. UNdikhoyo uwushwabulele umzi womntu okhohlakeleyo;kanti ke wona umzi welungisa uyawuthamsanqela.
34. Ke bona abantu abagxekayo uphoxisa ngabo,aze abenzele isisa abo bazithobayo.
35. Abantu abalumkileyo baya kulidla ilifa udumo;ke zona iziyatha ziya kwambathwa lihlazo.