Izafobe 3:22-28 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ziya kukuthi jize ngobomi,zibe sisihombiso sentamo yakho,

23. utsho uhambe ungenaxhala,unyawo lwakho lungenakukhubeka ntweni.

24. Ngokuhlwa uya kungqengqa ungaphaphazeli,ulale uthi yoyi ubusuku bonke.

25. Awuyi kuba sayixhalela intshabalalo equbulayo,ngokunjalo nesibetho esifikela izikhohlakali.

26. Kaloku uNdikhoyo uya kukugcina ukhuselekile;soze aluyekele unyawo lwakho lungene emgibeni.

27. Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

28. Musa ukuthi kummelwane wakho:“Hamba, uze uphinde ubuye;ndiya kukunika ngomso,”kanti unalo uncedo kuwe.

Izafobe 3