Izafobe 29:16-19 Ibhayibhile (XHO96)

16. Xa kulawula izikhohlakali siyanda isono,kambe ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwazo.

17. Umntwana olulekwayo uya kukunika ukuxola,aze ayivuyise intliziyo yakho.

18. Abantu abangenawo umbono kaThixo baba ziindlobongela;phofu ke unoyolo umntu owuthobelayo umthetho kaThixo.

19. Akuncedi nto ukulingxolisa ikhoboka,kuba nokuba liyaqonda aliyi kuphulaphula.

Izafobe 29