Izafobe 26:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ukuthemba isidenge somthunywa kukuzenzakalisanqwa nokuzinqumla imilenze.

7. Iqhalo emlonyeni womntu ongaqondiyolifana nomlenze ojingayo wesiqhwala.

8. Ukuncoma isityhakalanqwa nokubophelela ilitye *kwinkwitshi.

9. Iqhalo emlonyeni wesiyathanqwa nesebe elinameva esandleni senxila.

10. Umntu oqesha isidenge okanye nabani na odlulayo akanankathalo,ufana nejoni elidubula nje nabani na.

11. Umntu ophinda-phinda into yobudengenqwa nenja ebuyela emhlanzweni wayo.

12. Akunani kwaisityhakalakunomntu osisilumko kwawakhe amehlo.

13. Ivila lithi: “Kukho ingonyama endleleni!Ewe, ingonyama ihla inyuka ezitalatweni.”

Izafobe 26