1. Ukuncoma isityhakala ngumhlola onjengokuba kusuke kukhithike ehlotyeni,okanye kune imvula ngexesha lokuvuna.
2. Isishwabulo kungekho sizathu asiphumeleli;sifana nokundanda kwamahlankomo neenkonjane ezingahlali phantsi.
3. Ihashe liyabethwa, ke yona idonki ilawulwa ngomkhala,kanti ke sona isinyabi sivuswa ngentonga.
4. Sukuphendulana nesiyatha,hleze nawe lo uzibhaqe sewufana naso.
5. Xa umntu ebuza umbuzo wobudenge mlinganisele,hleze azicingele ukuba usisilumko.
6. Ukuthemba isidenge somthunywa kukuzenzakalisanqwa nokuzinqumla imilenze.
7. Iqhalo emlonyeni womntu ongaqondiyolifana nomlenze ojingayo wesiqhwala.
8. Ukuncoma isityhakalanqwa nokubophelela ilitye *kwinkwitshi.
9. Iqhalo emlonyeni wesiyathanqwa nesebe elinameva esandleni senxila.