Izafobe 25:20-24 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ukuculela umntu oneenzingo kufana nokumhambisa ze mhla kubandayo,okanye kunjengokonakalisa isoda ngokuyixuba neviniga.

21. Xa ufumana utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya;lwakunxanwa, luphe amanzi.

22. Ngokwenjenjalo ke woba uluqhubela enguqukweni,*noNdikhoyo wokuvuza.

23. Umoya wasentla uzisa imvula,kodwa ke yona intlebendwane iza nengxabano.

24. Akunani kwaukuhlala wedwa noba kuphezu kwendlu,ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.

Izafobe 25