22. Mntwana wam, mphulaphule uyihlo owakuzalayo,ungamdeli nonyoko ekwaluphaleni kwakhe.
23. Wakuyifumana inyaniso sukuthengisa ngayo;ewe, sukwahlukana nobulumko, ingqeqesho, kwanokuqonda.
24. Unebhongo umzali womntwana olilungisa;ewe, umntwana osisilumko uligugu kubazali bakhe.
25. Ngenene uyihlo nonyoko mabavuye ngawe –menze abe nemihlali lowo wakuzalayo.
26. Yinikezele kum intliziyo yakho, mntwan' am;indlela endiziphethe ngayo mayibe semehlweni akho.
27. Kaloku ihenyukazi ngumhadi onzulu,nomfazi oziphethe kakubi liqula elimxinwa.
28. Ewe, uncathama oku kwesikrelemnqa,alongeze inani labakrexezi.
29. Nguwuphi umntu osezintsizini nonesingqala,osoloko esezingxwaba-ngxwabeni ekhalaza;nditsho ofumana enzakale nje ngelize,umntu ongafik' etyofu-tyofu amehlo?
30. Lowo ke ngulo mntu ungafika ejikelezana newayini,esoloko ezingelana newayini exutyiweyo.
31. Inkangeleko ebomvu yewayini mayingakukhangi, noba ingade imenyezele endebeni –ewe, nditsho seyinambitheka, isihla kamnandi!
32. Ekugqibeleni iwayini iluma njengenyoka,ibinza njengerhamba.