15. Mfo wam, ndingonwaba kakhuluxa ingqondo yakho idlamkile.
16. Ewe, ndingatsho ndibe nebhongoxa ndikuva uthetha izinto ezithe ngqo.
17. Sukuziduba intliziyo ngabenzi bobugwenxa;nto mawuyenze wena kukuhlonela uNdikhoyo maxa onke.
18. Xa usenjenjalo ngenene uya kuba nekamva,nethemba lakho aliyi kunqanyulwa.
19. Mfo wam, phulaphula ukuze ube sisilumko;yigqale indlela oziphatha ngayo.
20. Musa ukuvana nabantu abanxilayo;ngokunjalo nabanyolukileyo bacezele.
21. Kaloku wona amanxila nezidla-kudla bayahlwempuzeka,namathongorha ambatha amadlavu.
22. Mntwana wam, mphulaphule uyihlo owakuzalayo,ungamdeli nonyoko ekwaluphaleni kwakhe.
23. Wakuyifumana inyaniso sukuthengisa ngayo;ewe, sukwahlukana nobulumko, ingqeqesho, kwanokuqonda.
24. Unebhongo umzali womntwana olilungisa;ewe, umntwana osisilumko uligugu kubazali bakhe.
25. Ngenene uyihlo nonyoko mabavuye ngawe –menze abe nemihlali lowo wakuzalayo.
26. Yinikezele kum intliziyo yakho, mntwan' am;indlela endiziphethe ngayo mayibe semehlweni akho.