15. Umntu olungileyo uyavuya xa izinto ziqhutywa ngokusemthethweni,kambe ke abenzi bobubi baya kunkwantya.
16. Umntu obhadulayo, emke kwiindlela zengqiqo,uzifumanisa selekwisikhungu sabafileyo.
17. Umntu othanda iziyolo uya kuba lihlwempu;kanti ke yena umntu othanda iwayini namafutha omnquma soze abe sisityebi.
18. Kulula ukuncama umntu okhohlakeleyo ngenxa yolungileyo,othembekileyo athathe isikhundla songathembekanga.
19. Kubhetele ube lilolo entlango,kunokuhlala nomfazi onochuku okhalazayo.
20. Endlwini yesilumko kusoloko kukho ubuncwane namafutha omnquma,kodwa sona isiyatha sizavaza konke.
21. Umntu oxunela ubulungisa nencebaufumana ubomi nobulungisa nodumo.
22. Isilumko siqabela ngaphaya kweendonga zesixeko samagorha,siyidilize inqaba athembele kuyo.
23. Lowo uwubambayo umlomo wakhe nolwimi lwakheukhusela ubomi bakhe kwiinkxwaleko.
24. Umntu ozigwagwisayo enendelelo kuthiwa ngumgxeki –usisityhuthu-tyhuthu esingakhathalele mntu.
25. Ivila elingafuni kusebenza lizibulala ngokwalo;kaloku izandla zalo ziqhokriwe ekusebenzeni.
26. Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.
27. Idini elenziwa ngumntu okhohlakeleyo liyanyanyeka,ngakumbi xa elenza eneenjongo ezigwenxa.
28. Ingqina elixokayo liyabhanga;kanti ke lona ilizwi lomntu onyanisekileyo lihlala lihleli.
29. Umntu okhohlakeleyo unobuganga bokuzicingela ukuba uyayazi into ayenzayo,onyanisekileyo uyayicingisisa ihambo yakhe.
30. Ubulumko nengqondo kunye namacebo omntuakanakumelana nentando kaNdikhoyo.
31. Amahashe angayiqeqeshelwa imfazwe,kodwa nguNdikhoyo onika uloyiso.