16. Ngenene uya kutsho usinde kumfazi ongakwaziyo ukuziphatha,umfazi wasemzini omazwi alalanisayo.
17. Nditsho lowo ungathembekanga nasendodeni awazimanya nayo kwasebutsheni bakhe,ongawukhathalelanga nomnqophiso awawenza phambi koThixo wakhe.
18. Kaloku indlela eya emzini wakhe iya ekufeni,nabo bonke ke abahamba ngayo basinga kwelabafileyo.
19. Ewe, kuloo mzi wakhe akuyi lubuyayo;uthi umntu angangena khona angaze aphinde ayifumane indlela yobomi.
20. Ngoko ke hamba ekhondweni labantu abalungileyo,uziphathe ngeendlela zamalungisa.