15. Ubuvila bufuthanisela umntu ngobuthongo;ukanti ke umntu ongasebenziyo ubhuqwa yindlala.
16. Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.
17. Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo;uNdikhoyo uya kumbuyisela.
18. Mqeqeshe unyana wakho, kuba oko kunika ithemba,kodwa ke ungagabadeli ude umbulale.
19. Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo;ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.
20. Waphulaphule amacebiso, ukwamkele ukululekwa –ekugqibeleni uya kuba nobulumko.
21. Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.
22. Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.