Izafobe 18:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. Amazwi entlebendwane ayanambitheka;ahla kamnandi athi ngcoo embilinini.

9. Umntu owuphath' ewuyeka umsebenzi wakheuyintlaka nexolo notshabalalisayo.

10. UNdikhoyo ngumqolomba:bazimela kuye abalungisayo, basinde.

11. Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.

12. Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.

13. Ophendula engevanga kuqalabubudenge obo kuye nehlazo.

14. Umoya onganikezeliyo wenza ukuba umntu amelane nokufa.Ke wona umxhelo xa uwile ngubani ongawuvuselelayo?

15. Umntu onengqiqo ufunana nolwazi;ewe, iindlebe zezilumko zibazele lona.

16. Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeniphatha umngena-ndlwini xa uya kubo.

Izafobe 18