6. Abazukulwana libhongo lookhokho,kanti ke igugu labantwana ngabazali.
7. Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu.
8. Ukunyoba kufana nomlingo kulowo ukwenzayo;uba kuza kumphumelelisa naphi na apho aya khona.
9. Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.
10. Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo,kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisiyatha.
11. Umvukeli uqhwaya ingxwaba-ngxwaba;ke ngoko uthunyelwa isigidimi esingenanceba.
12. Kubhetele ukuhlangana nebhere eyohluthwe amathole ayo,kunokuhlangana nesityhakala sisenza ubudenge.
13. Umntu ophindezela ubuhle ngobubisoze yahlukane nelishwa indlu yakhe.
14. Ukuphemba inkathazo kufana nokuqhekezwa kodonga lwedama;ngoko ke nyawuka ingekakongameli.
15. Okhulula umntu onetyala nogweba umntu omsulwabobabini uNdikhoyo uyabacekisa.
16. Kunceda ntoni ukuba isiyatha siphathe imali, sifune ulwazi,kanti asinangqondo?
17. Umhlobo unothando ngamaxesha onke;ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.
18. Ngumntu ongenangqondo obamba isandla ebhambathisa,emela ityala lommelwane.
19. Umntu othanda ingxwaba-ngxwaba uthanda ubugwenxa;umntu osoloko eqhayisa ngezinto zakhe uzibizela iingxaki.
20. Umntu ontliziyo ikhohlisayo akabi nampumelelo;kanti nomntu ontetho ikrwada ungena enkathazweni.
21. Yinto ebuhlungu ukuba nonyana ongenangqondo;uyise wesityhakala soze onwabe.