Izafobe 17:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Isiliva ivavanywa ngokuyinyibilikisa embizeni;igolide ivavanywa ezikweni lomlilo;kodwa yona intliziyo yomntu ivavanywa nguNdikhoyo.

4. Umenzi wobubi uyawuphulaphula umlomo onenkohliso,kanti ke ixoki liyibazela iindlebe intetho eyenzakalisayo.

5. Umntu ohlekisa ngehlwempu ugxeka uMdali walo;umntu ozivuyelayo iinkxwaleko zabanye uyohlwaywa.

6. Abazukulwana libhongo lookhokho,kanti ke igugu labantwana ngabazali.

7. Amazwi obuciko akanakufumaneka emlonyeni wesiyatha;amazwi obuxoki akalindelekanga emilebeni yesikhulu.

8. Ukunyoba kufana nomlingo kulowo ukwenzayo;uba kuza kumphumelelisa naphi na apho aya khona.

9. Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

10. Ukukhalinyelwa kuyamakha umntu onengqondo,kunokuba imivumbo elikhulu injalo kwisiyatha.

Izafobe 17