Izafobe 17:13-23 Ibhayibhile (XHO96)

13. Umntu ophindezela ubuhle ngobubisoze yahlukane nelishwa indlu yakhe.

14. Ukuphemba inkathazo kufana nokuqhekezwa kodonga lwedama;ngoko ke nyawuka ingekakongameli.

15. Okhulula umntu onetyala nogweba umntu omsulwabobabini uNdikhoyo uyabacekisa.

16. Kunceda ntoni ukuba isiyatha siphathe imali, sifune ulwazi,kanti asinangqondo?

17. Umhlobo unothando ngamaxesha onke;ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.

18. Ngumntu ongenangqondo obamba isandla ebhambathisa,emela ityala lommelwane.

19. Umntu othanda ingxwaba-ngxwaba uthanda ubugwenxa;umntu osoloko eqhayisa ngezinto zakhe uzibizela iingxaki.

20. Umntu ontliziyo ikhohlisayo akabi nampumelelo;kanti nomntu ontetho ikrwada ungena enkathazweni.

21. Yinto ebuhlungu ukuba nonyana ongenangqondo;uyise wesityhakala soze onwabe.

22. Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo;kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.

23. Umntu okhohlakeleyo uyanyotywa ngasese,usuke ke wona umthetho ugqwetheke.

Izafobe 17