Izafobe 16:25-30 Ibhayibhile (XHO96)

25. Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emehlweni abantu,kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

26. Indlala imenza umntu ukuba asebenze;ewe, iphango limtyhalela ekuxelengeni.

27. Itshijolo lihlala liqingqa ububi;kwa-amazwi nje alo agqatsa njengomlilo.

28. Umntu onobugwenxa udala ingxabano;umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

29. Indlavini iyamkhukulisa ummelwane,imkhokelele kwimikhuba ephuthileyo.

30. Omana ewancina amehlo uceba ubugwenxa;ohlala eluma umlomo utyekele ebubini.

Izafobe 16