29. UNdikhoyo ukude kubantu abakhohlakeleyo;phofu ke uyayiphulaphula imithandazo yamalungisa.
30. Imbonakalo echwayitileyo izisa ulonwabo entliziyweni;ibe ke zona iindaba ezimnandi ziyahlaziya emathanjeni.
31. Umntu ophulaphula ukucetyiswa uya kudla ubomi,azive esekhaya phakathi kwezilumko.
32. Umntu ongayifuniyo ingqeqesho uyazilimaza yena ngokwakhe:kanti ke yena ovayo akululekwa uzuza ukuqonda.
33. Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;indlela eya ewongeni yintobeko.