Izafobe 14:21-35 Ibhayibhile (XHO96)

21. Umntu omdelelayo ummelwane wakhe uyona,kambe ke olenzela ububele ihlwempu, hayi inyhweba yakhe!

22. Abayi kulahleka na abo bayila ububi?Inceba nenyaniso ikwabo baceba okulungileyo.

23. Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.

24. Abantu abazizilumko bathiwa jize ngobutyebi;ke bona ubutyhakala beziyatha buvelisa ubutyhakala.

25. Ingqina elinyanisekileyo liyabasindisa abantu;kodwa ke lona elixokayo liyakhohlisa.

26. Umntu omhlonelayo uNdikhoyo unenqaba eluqilima;nabantwana bakhe bazimela kuyo.

27. Isiseko sobomi kukuthobela uNdikhoyo;umntu kuyamphephisa kwizirhintyelo zokufa.

28. Ubuhandiba bokumkani buxhomekeke kubuninzi babantu bakhe;kambe bengekho abantu bokulawulwa itshawe alinto.

29. Umntu onomonde uba nengqiqo;kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.

30. Umntu ozolileyo uba nempilo;ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.

31. Umntu ocinezela ihlwempu ugxeka uMdali walo;ke yena obalungiselelayo abahlelelekileyo udumisa uMdali.

32. Umntu okhohlakeleyo ubhangiswa bububi bakhe;kanti ke yena olilungisa unenqaba azimela ngayo nasekufeni.

33. Ubulumko busekhaya kumntu obhadlileyo;kanti buyazibika naphakathi kweziyatha.

34. Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.

35. Ukumkani uyakholiswa liphakathi elilumkileyo,kodwa umsindo wakhe uyavutha kowenza okuziintloni.

Izafobe 14