21. Umntu omdelelayo ummelwane wakhe uyona,kambe ke olenzela ububele ihlwempu, hayi inyhweba yakhe!
22. Abayi kulahleka na abo bayila ububi?Inceba nenyaniso ikwabo baceba okulungileyo.
23. Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.
24. Abantu abazizilumko bathiwa jize ngobutyebi;ke bona ubutyhakala beziyatha buvelisa ubutyhakala.
25. Ingqina elinyanisekileyo liyabasindisa abantu;kodwa ke lona elixokayo liyakhohlisa.
26. Umntu omhlonelayo uNdikhoyo unenqaba eluqilima;nabantwana bakhe bazimela kuyo.
27. Isiseko sobomi kukuthobela uNdikhoyo;umntu kuyamphephisa kwizirhintyelo zokufa.
28. Ubuhandiba bokumkani buxhomekeke kubuninzi babantu bakhe;kambe bengekho abantu bokulawulwa itshawe alinto.
29. Umntu onomonde uba nengqiqo;kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.
30. Umntu ozolileyo uba nempilo;ke lona ikhwele yimpehla emathanjeni.
31. Umntu ocinezela ihlwempu ugxeka uMdali walo;ke yena obalungiselelayo abahlelelekileyo udumisa uMdali.
32. Umntu okhohlakeleyo ubhangiswa bububi bakhe;kanti ke yena olilungisa unenqaba azimela ngayo nasekufeni.
33. Ubulumko busekhaya kumntu obhadlileyo;kanti buyazibika naphakathi kweziyatha.
34. Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.
35. Ukumkani uyakholiswa liphakathi elilumkileyo,kodwa umsindo wakhe uyavutha kowenza okuziintloni.