Izafobe 14:18-24 Ibhayibhile (XHO96)

18. Umntu ongaqondiyo uvuna ubutyhakala;ke yena onengqondo uthiwa jize ngolwazi.

19. Abantu abagwenxa baya kuqubuda phambi kwabo balungileyo,bakhahlele emasangweni amalungisa.

20. Ihlwempu libukulwa nditsho nangummelwane;kanti ke yena umntu omi kakuhle unezihlobo ezininzi.

21. Umntu omdelelayo ummelwane wakhe uyona,kambe ke olenzela ububele ihlwempu, hayi inyhweba yakhe!

22. Abayi kulahleka na abo bayila ububi?Inceba nenyaniso ikwabo baceba okulungileyo.

23. Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.

24. Abantu abazizilumko bathiwa jize ngobutyebi;ke bona ubutyhakala beziyatha buvelisa ubutyhakala.

Izafobe 14