Izafobe 14:10-21 Ibhayibhile (XHO96)

10. Intliziyo nganye iyabazi obayo ubukrakra,kanti akukho bani wahlulelana nayo ngovuyo lwayo.

11. Umzi womntu okhohlakeleyo uya kutshatyalaliswa;ke wona umzi womntu othe ngqo uyabalasela.

12. Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

13. Nokuba ubani uyahleka usenokuba nomva-ndedwa,nesiphelo soko kuchwayita sibe sisingqala.

14. Umntu onganyanisekanga uvuna loo nto ayilimileyo,kanti nomntu olungileyo utya isimilo sakhe.

15. Umntu ongaqondiyo ukholelwa yinto yonke;kanti ke yena oqiqayo uhlab' ekhangele.

16. Umntu onengqondo uhlala egcisile, ayiphephe inkathazo;ke sona isityhakala asikhathali, siyatyhuthuza.

17. Umntu ocaphuka msinya wenza izinto zobudenge;umntu onobuqhophololo uyathiywa.

18. Umntu ongaqondiyo uvuna ubutyhakala;ke yena onengqondo uthiwa jize ngolwazi.

19. Abantu abagwenxa baya kuqubuda phambi kwabo balungileyo,bakhahlele emasangweni amalungisa.

20. Ihlwempu libukulwa nditsho nangummelwane;kanti ke yena umntu omi kakuhle unezihlobo ezininzi.

21. Umntu omdelelayo ummelwane wakhe uyona,kambe ke olenzela ububele ihlwempu, hayi inyhweba yakhe!

Izafobe 14