10. Intliziyo nganye iyabazi obayo ubukrakra,kanti akukho bani wahlulelana nayo ngovuyo lwayo.
11. Umzi womntu okhohlakeleyo uya kutshatyalaliswa;ke wona umzi womntu othe ngqo uyabalasela.
12. Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.
13. Nokuba ubani uyahleka usenokuba nomva-ndedwa,nesiphelo soko kuchwayita sibe sisingqala.
14. Umntu onganyanisekanga uvuna loo nto ayilimileyo,kanti nomntu olungileyo utya isimilo sakhe.
15. Umntu ongaqondiyo ukholelwa yinto yonke;kanti ke yena oqiqayo uhlab' ekhangele.
16. Umntu onengqondo uhlala egcisile, ayiphephe inkathazo;ke sona isityhakala asikhathali, siyatyhuthuza.
17. Umntu ocaphuka msinya wenza izinto zobudenge;umntu onobuqhophololo uyathiywa.
18. Umntu ongaqondiyo uvuna ubutyhakala;ke yena onengqondo uthiwa jize ngolwazi.
19. Abantu abagwenxa baya kuqubuda phambi kwabo balungileyo,bakhahlele emasangweni amalungisa.
20. Ihlwempu libukulwa nditsho nangummelwane;kanti ke yena umntu omi kakuhle unezihlobo ezininzi.
21. Umntu omdelelayo ummelwane wakhe uyona,kambe ke olenzela ububele ihlwempu, hayi inyhweba yakhe!