Izafobe 14:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Umfazi onobulumko uyawakha umzi wakhe;kanti ke yena ongenangqondo uyawuchitha ngezakhe izandla.

2. Ohlonela uNdikhoyo uhamba ngokuthe tye;ke yena omdelayo iindlela zakhe ziphambukile.

3. Umntu onekratshi ukuthetha kwakhe kumhlisela ukohlwaywa;ke wona amazwi esilumko ayasikhusela.

4. Apho kungekho nkabi zankomo umkhombe wesitali uba zé;ngamandla enkabi yenkomo kunokuzuzwa ingeniso eninzi.

5. Ingqina elinyanisekileyo alibuthethi ubuxoki,kodwa ke lona elixokayo liphuphuma lulwimi.

6. Umgxeki ubufuna ancame ubulumko,kanti ke yena umntu oqiqayo uluzuza lula ulwazi.

7. Musa ukutshomana nomntu osisiyatha,kuba awuyi kuzuza nto ibhadlileyo emlonyeni wakhe.

Izafobe 14