Izafobe 13:9-16 Ibhayibhile (XHO96)

9. Isibane selungisa siqaqambile;ke sona esomntu okhohlakeleyo siyancumeza.

10. Ikratshi liphembelela ingxabano;ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso.

11. Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda.

12. Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.

13. Umntu ozidelayo iziluleko uzibizela intshabalalo;kambe ke yena owuhlonelayo umyalelo uya kuba nomvuzo.

14. Imfundiso yesilumko ngumthombo wobomi,kuba umntu imhlangula kwizabatha zokufa.

15. Umntu oqiqayo uyahlonelwa;kanti ke yona indlela yabangathembekanga iyadaka.

16. Umntu onengqondo uyaqiqa phambi kokuba ayenze into,kodwa yena umntu osisiyatha uyabudandalazisa ubutyhakala bakhe.

Izafobe 13