Izafobe 13:11-20 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda.

12. Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.

13. Umntu ozidelayo iziluleko uzibizela intshabalalo;kambe ke yena owuhlonelayo umyalelo uya kuba nomvuzo.

14. Imfundiso yesilumko ngumthombo wobomi,kuba umntu imhlangula kwizabatha zokufa.

15. Umntu oqiqayo uyahlonelwa;kanti ke yona indlela yabangathembekanga iyadaka.

16. Umntu onengqondo uyaqiqa phambi kokuba ayenze into,kodwa yena umntu osisiyatha uyabudandalazisa ubutyhakala bakhe.

17. Umthunywa ongathembekanga uzifaka enkathazweni;kambe ke yena onyanisekileyo uzisa ukuphila.

18. Umntu ongakhathalele ngqeqesho ulandelwa kukuhlazeka nobuhlwempu,ke yena oziphulaphulayo iziluleko uyahlonelwa.

19. Ukufezeka komnqweno luyolo emphefumlweni.Iziyatha ziyakucekisa ukwahlukana nobubi.

20. Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko;ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala.

Izafobe 13