Izafobe 12:23-28 Ibhayibhile (XHO96)

23. Umntu oqiqayo akalubhengezi ulwazi lwakhe;ke sona isiyatha sihamba sivakalisa ubudenge baso.

24. Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.

25. Amaxhala ayamtyhafisa umntu;ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.

26. Ilungisa limalathisa indlela ummelwane;ke yona indlela yabakhohlakeleyo iyabalahlekisa.

27. Umntu onqenayo akayosi nenyamakazi le ayizingelayo;kodwa ke osebenzayo uzuza impahla exabisekileyo.

28. Indlela yobulungisa isinga ebomini;ewe, yiyo leyo indlela engasingisi ekufeni.

Izafobe 12