Izafobe 12:11-23 Ibhayibhile (XHO96)

11. Umntu olima amasimi akhe akasweli kutya;kambe ke bubuyatha ukulibala ngumsebenzi ongaphumi nto.

12. Umntu okhohlakeleyo usoloko efuna amaxhoba azuzwe ngabantu abanobubi;ke yona ingcambu yezityalo zamalungisa iyachuma.

13. Umntu ongento ubanjiswa kwangamazwi akhe agwenxa;ke lona ilungisa liyazikhulula enkathazweni.

14. Umntu ufumana ulutho aneliswe sisiqhamo sokuthetha kwakhe;kananjalo umsebenzi womntu ubuyela kwakuye.

15. Indlela yesityhakala ibonakala ilungile kwawaso amehlo;ke sona isilumko siyeva sakucetyiswa.

16. Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko.

17. Ingqina elinyanisekileyo lithetha inyaniso;ukanti ke ingqina elixokayo lisasaza ulwimi.

18. Amazwi okulavuza ahlabanisela njengekrele;kambe ke wona amazwi ezilumko ayaphilisa.

19. Inyaniso ima ngonaphakade;ke bona ubuxoki bobomzuzwana.

20. Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi;kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo.

21. Amalungisa akahlelwa bubi;ke bona abakhohlakeleyo baphahlwe ziinkathazo.

22. UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.

23. Umntu oqiqayo akalubhengezi ulwazi lwakhe;ke sona isiyatha sihamba sivakalisa ubudenge baso.

Izafobe 12