Izafobe 11:25-31 Ibhayibhile (XHO96)

25. Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.

26. Abantu bayamshwabulela umntu okubandezayo ukudla;kanti ke bayamthamsanqela lowo ukuthengisayo.

27. Umntu ofuna okuhle uzuza okulungileyo;phofu ke yena ozungula ububi uzuza kwabona.

28. Umntu okholosa ngobutyebi bakhe uvuthuluka njengamagqabi ebusika;ke yena umntu ofanelekileyo uhluma njengamagqabi entlakohlaza.

29. Umntu oyinkathazo ekhayeni udla ilifa elingumoya;sona isiyatha siba sisicaka sesilumko.

30. Isiqhamo sâbo balungisayo ngumthi onika ubomi;umntu onobulumko uhlangula imiphefumlo yabantu.

31. Umntu olilungisa umvuzo wakhe uwuzuza kwalapha emhlabeni;kobeka phi ke ukohlwaywa komqhankqalazi nomoni?

Izafobe 11